Indlel'elula yokwenziwa kweentshumayelo ezitsho abaphulaphuli basale bebamb'ongezantsi

Yima bhuxe eqongeni, utsho amakholwa asale ethe manga ngo "Hlisan'iminatha"

Siyini isizathu esifun'ufunde ngokushumayela?

Akukhathaliseki nokuba usandulukuphum'ekolijini okanye sowunethub'ugwadl'epulpitini, ukub'ufun'ukubaxolisa abant'oshumayela kubo, unyanzelekile ukuba ulandele imigaqo nobuchule base qongeni. Emva kokuchitha ngaphaya kwamashumi amahlanu eminyaka ndishumayela kuthathe ithuba kum ukwazi ukuba yintoni kanye etsho abaphulaphuli basale bebamb'ongezantsi bubumnandi bentshumayelo, okanye ufike bekhuphisana kukozela besenziwa yintshumayelo enomdintsi.
Nangona ukushumayela oku kulubizo, kodwa kukho imigaqo elandelwayo nobuchule obudingwa ngumshumayeli ukuze eme ngesibindi eqongeni. Yiloo migaqo nobu bugcisa ke esikunika bona apha kuHlisan'iminatha.

Masikwazise ngo "Hlisan'iminatha"

Le yi Online Course edingwa ngabo bonke abafun'ukwazi ngokushumayela bayeke ukufunana nesity'ebumnyameni.

Ukuba unga ungazi ngemigaqo kwanendlela yokwenziwa kweentshumayelo ezishiy'ophulaphuleyo ange ubethelelwe es'tulweni, nceda ungene kolu qeqesho.


Apha kulo unikwe ezi zinto zilandelayo
Ivideo ezintandathu ezinalemiba ilandelayo:

  • Amabalengwe Ngentshumayelo
  • Iimpawu Zomshumayeli Wenene
  • Imingeni Ejamele Umshumayeli Eqongeni
  • Umshumayeli Kwigumbi Lokulungiselela Ukushumayela (Part 1)
  • Umshumayeli Kwigumbi Lokulungiselela Ukushumayela (Part 2)
  • Umshumayeli Ngoku Phezu Kweqonga



AMABHASO

  • Yincwadi engu Sukum'ukhanye (Preaching Textbook) ekhapha le-course, nekunika indlela elula yokuthi, "Utsho Oyingcwele kaSirayeli"
  • Incwadi yomthandazo kaMshumayeli (Prayer Journal): Le ncwadi ikuvumela ukuba ubhale izicelo zakho zomthandazo, ulandele iziphendulo, ucingisise ngezibhalo zansuku zonke, kwaye uqwalasele into ayityhilayo uThixo veki nganye. Yeyokwakha ubudlelwane obunzulu noMdali wakho.
  • Isikhokelo soqeqesho lweLizwi kunye noLondolozo (Voice Training Audio) Amaqhinga okuphucula ilizwi akunceda ukuba uthethe ngesibindi, ngokucacileyo nangokholo, njengomshumayeli ozinikeleyo. Olu qeqesho lukunceda ume ngentlonipho eqongeni likaThixo.
  • Uluhlu lokulungiselela intshumayelo (Sermon Checklist):  Ukwazi ukuba ulungiselele njani ngokomoya nangenkqubo kwenza umahluko omkhulu. Olu luhlu lukunceda uqinisekise ukuba akukho nto ishiyekileyo - ukusuka ekuthandazeni ukuya ekuhambiseni umyalezo.
  • Uzakufumana ne-Certificate wakube uyigqibile i-course ngempumelelo.


    *Hlela ngezantsi de ufike apho kuthiwa: [Imibuzo Evame Ukubuzwa]. Apho uzakufumana iinkcukacha zokukwazi ukufikelela kule-course*



    Khawucimele, utsibele olu qeqesho!

    Kum kubalulekile ukubon'umahluko kolu hambo lwakho lokushumayela. Yiyo lo nto ndikuqinisekisayo ukuba le course izakukufunqula ikubeke kweli zinga ulidingayo. Senzele i-email, ku hello@kumanzobom.org ufune yonk'imali oyihlawuleyo kwiintsuku nje ezi-30 emva kokuba uyithengile, ukuba uthe awaneliseka ngumgangatho wayo.

    Bathini abantu ngo Dr OT Mngqibisa

    "Doctor and Pastor O. T. Mngqibisa was my teacher at Bethel College during my Bachelor of Theology years. He was very inspirational, foundational, knowledgeable and formative in the areas of New Testament interpretation and theology, Church Administration and particularly excellent as he taught and modelled Biblical preaching. The focus on being true to the Bible and the Christian tradition did not only provide grounding in Theology but assisted many a student who pursued further studies in Religion". Mr Nhlanhla Dube (B.Th, MDiv, MBA)

    "When i came to Helderberg I knew little if not nothing about preaching. I struggled to put together a good constructive sermon with a proper message. But Pastor OT was very patient with me. He took me through proper preparations and presentations of sermons. He took me through the different types of sermons and how to make my message rich across. Even the importance of dressing during preaching. His passion for teaching and ministry has had a great impression on me to date". Pastor Mothusi Moeti, former student of Dr OT Mngqibisa at Helderberg College

    "Dr Mngqibisa was thorough in the presentation of his class materials. He taught Biblical Backgrounds and Hebrew. These class materials have added cachet to my homilies as well as a better understanding of texts because of the richness of the Hebrew language". Pastor Pako Mokgwane, former student of Dr OT Mngqibisa and Associate Youth Director at General Conference of Seventh-Day Adventist Church


    Ukuphulaphula ubungqina obunikwa nje ngabambalwa kwabathe bayifunda bayigqiba le course, cofa apha ngaphantsi


    Bhalisa namhlanje kolu qeqesho


      Imibuzo Evame Ukubuzwa


      • Ndihlawula njani na?

        Unako ukuhlawula ngezi ndlela zilandelayo: i-Cheque Card, Credit Card, Debit Card okanye i-EFT. Emva kokucofa iqhoshana apha ngasentla elithi, "Bhalisa Apha" uzakukhokhelelwa kwindawo efuna i-email address yakho nendawo emakuthunyelwe kuyo i-receipt. Nceda ke ubhale ezo nkcukacha. Qiniseka ngokufaka i-email, negama nefani yakho ngokucacileyo. Isizathu kukuba ezi zinto zizakufuneka xa uqalisa i-course. Xa sowugqibile ukufaka zonke ezi nkcukacha zifunekayo, cofa kwalapha kwindawo apho ethi, "Complete Order". Xa usuk'apho uzakusiwa kwi-website ethi "Payfast" apho ukhetha indlela ofuna ukuhlawula ngayo. Apha ke ugqibezela i-odolo yakho.

        Unako ukuhlawula ngqo kwi account yethu ye banka. Wakuba ugqibile ukuhlauwula, nceda usithumelele igama, ne fani, yakho, kwane email address ku hello@kumanzobom.org okanye ngo whatsapp ku 0719563212.

        Iinkcukacha zebank yethu nazi ngezantsi:

        Account Name: Mr OT Mngqibisa

        Bank: Standard Bank

        Account number: 374 305 218

        Branch code: 051001

        **Nceda ufake igama lakho ne fani yakho kwi reference**

        • Ndizizuza njani ezi zifundo?

        Emva kobhatala i course yakho, uzakufumana i-email ephuma ku-noreply@notify.thinkific.com neneenkcukacha ozidingayo ukungena kule course yakho.

        • Ziintoni na eziqulethwe kwezi zifundo?

        Apha uzakufumana ii-video ezintandathu, nencwadi yam yokushumayela ethi:"Sukum'ukhanye"nonokuyifumana kwalapha kwi-computor, nekhalenda, kwanencwadana yemibuzo neempendulo ozibhala kwalapha kuyo, nekwenza utsho ngodlwabevu lwentshumayelo eqongeni.

        • Ndingakwazi ukuzibukela ezi video nanini ndifuna?

        Ngesizathu sokuba le-course yenziwe ngobuchwephesha bale mihla, le nto yenza ukuba kube lula ukuyibukela ngexesha elithandwa nguwe, ngendlela ofuna ngayo, kunjalo nje usebenzise nayiphina kwezi zinto zala maxesha. Nje ukuba ugqibe ukubhalisa, uyakube sowunelungelo lokufikelela kuyo le course ngo sebenzisa enye kwezi internet browsers: Chrome, Firefox, Safari/IOS Safari, Microsoft Edge, Samsung Internet.


        • Ngoobani kanye ezi zifundo ezilungiselelwe bona?

        Ngabafun'ukufund'ukushumayela, nabo bafun'ukwazi ukuba yintoni eyenz'umahluko phakathi komshumayeli othi akuma ngas'ke angayeki, nalo utsho abaphulaphuli bakhuphisane ngokozela belaliswa nguye.

        •  Ndinomnye umbuzo

        Ukuba unombuzo ongomnye, sibhalele kule e-mail: hello@kumanzobom.org okanye usifonele kule nombolo: 0719563212.

        Ulwazi ngakumbi ngo Dr OT Mngqibisa

        Ethwebuka e Tsomo nase Bhayi, u Dr OT waza kugaxeleka e Helderberg College apho wenza khona izifundo ze Bachelor of Theology Degree. Edlule apho, waya kwenza i Master of Arts in Religion, kunye ne Master of Divinity e Andrews University, USA. Ethubeni uye waza kwenza i Doctorate in Theology e University of Stellenbosch.

        Usebenzele inkonzo ye Seventh Day Adventists ngaphaya kwe 36 yeminyaka. Apho wenze ezi zinto zilandelayo: chaplaincy, church pastor, departmental secretary, lecturer, conference president, acting college rector, neminye imiba kwezemfundo.

        Uye wathath'umhlala phantsi, ukuba ngoku asebenzele ilizwe ngokubanzi. Ukufeza ezi njongo uvule uKumanz'obom Ministries, apho aye wagxininisa kula macandelo: Preaching, Teaching, Counselling and Writing.

        u Dr OT Mngqibisa umi ngamazwi engcaphephe yama Ngesi engu General Douglas MacArthur neyathi ngolwimi lwakowayo: "Be ashamed to die until you have done something for humanity".